Nkosi Yam

NKosi yam, ubundithanda
Ekulahlekeni kwam,
NKosi yam, waman' ulanda
Futhi emkhondweni wam
Ndafunyanwa, Nkosi yam

NKosi yam, ilizwi laKho
Lingumkhanyiseli wam
NKosi yam, ufefe IwaKho
Lusisonwabiso sam
Ndinovuyo, NKosi yam

NKosi yam, uMoya waKho
Uya ndingcwalisa nam
NKosi yam, izulu laKho
Lona lilikhaya lam
Ma ndingene, Nkosi yam

Home





Next song